-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
51
|Números 31:51|
Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubo, yonke impahla esetyenziweyo.
-
52
|Números 31:52|
Yonke igolide yomrhumo ababeyirhumele uYehova yaba ziishekele ezilishumi elinesithandathu lamawaka, anamakhulu osixhenxe, anamanci mahlanu, evela kubathetheli-waka, evela kubathetheli-khulu.
-
53
|Números 31:53|
Wona amadoda abephume umkhosi abezithimbele.
-
54
|Números 31:54|
Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubathetheli-waka nakubathetheli-khulu, bayingenisa ententeni yokuhlangana. Yaba sisikhumbuzo soonyana bakaSirayeli phambi koYehova.
-
1
|Números 32:1|
Oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi baye benemfuyo eninzi, inkulu kunene. Balibona ilizwe laseYazere nelizwe laseGiliyadi, nantso loo ndawo iyindawo yemfuyo.
-
2
|Números 32:2|
Beza oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathetha kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwizikhulu zebandla, bathi,
-
3
|Números 32:3|
IAtaroti, neDibhon, neYazare, neNimra, neHeshbhon, ne-Elale, neSebham, neNebho, neBhehon,
-
4
|Números 32:4|
ilizwe awalibethayo uYehova phambi kwebandla lakwaSirayeli, lilizwe lemfuyo; ke abakhonzi bakho banemfuyo.
-
5
|Números 32:5|
Bathi, Ukuba usibabale, abakhonzi bakho mabanikwe elo zwe, ukuba libe lelabo; ungasiwezi iYordan.
-
6
|Números 32:6|
Wathi uMoses koonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, Baye emfazweni abazalwana benu, nihlale apha na nina?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7