- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									27
									 
									 
									|Números 32:27|
									Ke abakhonzi bakho baya kuwela, bonke abomkhosi bexhobele imfazwe phambi koYehova, njengoko inkosi yethu itshoyo.									
									    
								 
- 
									
									28
									 
									 
									|Números 32:28|
									UMoses wamwisela umthetho ngabo uElazare umbingeleli,  noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli.									
									    
								 
- 
									
									29
									 
									 
									|Números 32:29|
									Wathi uMoses kubo, Ukuba oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bathe bawela nani eYordan, bonke bexhobele imfazwe phambi koYehova, laza leyiswa ilizwe phambi kwenu, nobanika ilizwe laseGiliyadi, ukuba libe lelabo.									
									    
								 
- 
									
									30
									 
									 
									|Números 32:30|
									Ke ukuba abathanga bawele bexhobile nani, boba nelifa phakathi kwenu ezweni lakwaKanan.									
									    
								 
- 
									
									31
									 
									 
									|Números 32:31|
									Baphendula oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi,  Oko akuthethileyo uYehova kubakhonzi bakho, baya kukwenza.									
									    
								 
- 
									
									32
									 
									 
									|Números 32:32|
									Thina siya kuwela sixhobile phambi koYehova, siye ezweni lakwaKanan, ukuze ibe yeyethu inzuzo yelifa lethu nganeno kweYordan.									
									    
								 
- 
									
									33
									 
									 
									|Números 32:33|
									UMoses wabanika oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen nesiqingatha sesizwe sakwaManase, unyana kaYosefu, ubukumkani bukaSihon ukumkani wama-Amori, nobukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, ilizwe elo ngokwemizi yalo nemida yalo, imizi yelizwe elo ngeenxa zonke.									
									    
								 
- 
									
									34
									 
									 
									|Números 32:34|
									Bayakha oonyana bakaGadi iDibhon, neAtaroti, neArohere,									
									    
								 
- 
									
									35
									 
									 
									|Números 32:35|
									neAtaroti-shofan, neYazere, neYogebheha,									
									    
								 
- 
									
									36
									 
									 
									|Números 32:36|
									neBhete-nimra, neBhete-haran, imizi enqatyisiweyo,  nezibaya zempahla emfutshane.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15