-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Números 32:37|
Oonyana bakaRubhen bayakha iHeshbhon, ne-Elale, neKiriyatayim,
-
38
|Números 32:38|
neNebho, neBhahali-mehon (iguqulwe amagama ayo), neSibhema; bayibiza ngamagama wambi imizi abayakhayo.
-
39
|Números 32:39|
Baya oonyana bakaMakire, unyana kaManase, eGiliyadi; bayithimba, bawagqogqa ama-Amori abekuyo.
-
40
|Números 32:40|
UMoses wamnika elaseGiliyadi uMakire, unyana kaManase, wahlala kulo.
-
41
|Números 32:41|
UYahire unyana kaManase waya wazithimba iilali zakhona, wathi yiHavoti-yahire.
-
42
|Números 32:42|
UNobha wayawayithimba iKenati namagxamesi ayo, wathi igama layo yiNobha.
-
1
|Números 33:1|
Zizo ezi iimfuduka zoonyana bakaSirayeli, abaphumayo ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo, ngesandla sikaMoses noAron.
-
2
|Números 33:2|
UMoses wakubhala ukuphuma kwabo ngokweemfuduka zabo, ngokomlomo kaYehova. Zizo ke ezi iimfuduka zabo ngokuphuma kwabo:
-
3
|Números 33:3|
Banduluka eRameses ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala; ngengomso emva kwepasika, baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo, emehlweni amaYiputa onke.
-
4
|Números 33:4|
AmaYiputa ayengcwaba abo wababethayo uYehova kuwo, bonke abamazibulo; nasezithixweni zabo uYehova wenza izigwebo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7