-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 31:21|
Wathi uElazare umbingeleli kumadoda omkhosi abeye kuloo mfazwe, Nguwo lowo ummiselo womyalelo uYehova ammiseleyo uMoses.
-
22
|Números 31:22|
Kodwa igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, netin, nelothe,
-
23
|Números 31:23|
yonke into enokumelana nomlilo, noyicandisa emlilweni, ihlambuluke, kodwa ke ihlanjululwe ngamanzi okuhlamba ukungcola. Ke yonke into engenako ukumelana nomlilo, noyicandisa emanzini.
-
24
|Números 31:24|
Ize nihlambe iingubo zenu ngomhla wesixhenxe; nohlambuluka ke, ningene emveni koko eminqubeni.
-
25
|Números 31:25|
Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
-
26
|Números 31:26|
Bala inani lamaxhoba athinjiweyo, awabantu naweenkomo, wenanoElazare umbingeleli, neentloko zezindlu zooyise zebandla.
-
27
|Números 31:27|
Uze uwahlule kubini amaxhoba, phakathi kwabayilwileyo imfazwe baphuma umkhosi, nebandla lonke:
-
28
|Números 31:28|
urhumele uYehova inani kumadoda okulwa aphume umkhosi, umphefumlo ube mnye emakhulwini amahlanu, kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane.
-
29
|Números 31:29|
Nothabatha esiqingatheni sabo, unike uElazare umbingeleli, ibe ngumrhumo kaYehova.
-
30
|Números 31:30|
Esiqingatheni soonyana bakaSirayeli wothabatha ibe nye, ekhethiweyo emashumini amahlanu kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane, nakuwo amaqegu onke, unike abaLevi abagcina isigxina somnquba kaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7