-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Números 35:10|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nafika ezweni lakwaKanan,
-
11
|Números 35:11|
nozihlelela imizi ibe yimizi yenu yokusabela, abalekele kuyo umbulali obulele umntu ngengozi.
-
12
|Números 35:12|
Yoba yimizi yenu yokusaba kumphindezeli, angafi umbulali, ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe.
-
13
|Números 35:13|
Ke imizi enobanika yoba yimizi yenu yokusabela emithandathu.
-
14
|Números 35:14|
Nganeno kweYordan nobanika imizi emithathu; ezweni lakwaKanan nobanika imizi emithathu, ibe yimiziyokusabela.
-
15
|Números 35:15|
Loo mizi mithandathu yoba yeyokusabela koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli, nakundwendwe oluphakathi kwenu, babalekele kuyo bonke ababulele umntu ngengozi.
-
16
|Números 35:16|
Ukuba ubani uthe wambetha umntu ngentsimbi, wafa, ungumbulali; wobulawa afe umbulali lowo.
-
17
|Números 35:17|
Ukuba uthe wambetha ngelitye elisesandleni, angafayo ngalo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.
-
18
|Números 35:18|
Nokuba uthe wambetha ngento engumthi osesandleni, angafayo ngayo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.
-
19
|Números 35:19|
Umphindezeli wegazi wombulala ngokwakhe umbulali lowo; akuqubisana naye wombulala ngokwakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7