-
-
Xhosa
-
-
63
|1 Reyes 8:63|
Wabingelela ke uSolomon imibingelelo yokubulela, awayibingelelayo kuYehova; amashumi amabini anesibini amawaka eenkomo, ikhulu elinamanci amabini lamawaka empalula emfutshane. Bayisungula ke indlu kaYehova, ukumkani lowo noonyana bonke bakaSirayeli.
-
64
|1 Reyes 8:64|
Ngaloo mini ukumkani wawungcwalisa umphakathi wentendelezo ephambi kwendlu kaYehova. Ngokuba wenza khona idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela; kuba isibingelelo sobhedu esiphambi koYehova besisincinane, singenakulamkela idini lonke elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela.
-
65
|1 Reyes 8:65|
Ngelo xesha uSolomon wenza umthendeleko, enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa, phambi koYehova uThixo wethu, iintsuku ezisixhenxe neentsuku ezisixhenxe, zaziintsuku ezilishumi elinesine.
-
66
|1 Reyes 8:66|
Ngosuku lwesibhozo wabandulula abantu. Bambonga ukumkani, baya ke ezintenteni zabo, bevuya, bechwayithile ngenxa yokulunga konke awakwenzayo uYehova kuDavide umkhonzi wakhe, nakumaSirayeli abantu bakhe.
-
1
|1 Reyes 9:1|
Kwathi, akugqiba uSolomon ukuyakha indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nako konke abekulangazelele uSolomon, abenqwenela ukwenza kona,
-
2
|1 Reyes 9:2|
wabonakala uYehova kuSolomon okwesibini, njengoko wayebonakele kuye eGibheyon.
-
3
|1 Reyes 9:3|
Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho otarhuzise ngako phambi kwam. Ndiyingcwalisile ke le ndlu uyakhileyo, ukuba libekwe khona igama lam kude kuse ephakadeni; aya kuba khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
-
4
|1 Reyes 9:4|
Wena ke, ukuba uthe wahamba phambi kwam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ngentliziyo egqibeleleyo, nangokuthe tye, ukuba ukwenze konke endikumisileyo, ugcine imimiselo yam namasiko am:
-
5
|1 Reyes 9:5|
ndoyimisa itrone yobukumkani bakho phezu kwamaSirayeli ngonaphakade, njengoko ndakuthethayo kuDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.
-
6
|1 Reyes 9:6|
Ukuba ke nithe nabuya nabuya ekundilandeleni, nina noonyana benu, anayigcina imithetho yam nemimiselo yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, naqubuda kubo:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8