-
-
Xhosa
-
-
7
|1 Reyes 9:7|
ndowanqamla amaSirayeli emhlabeni endiwanikileyo; nale ndlu, ndiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, amaSirayeli abe ngumzekeliso nento yentsini ezizweni zonke.
-
8
|1 Reyes 9:8|
Nale ndlu noko iphezulu nje, bomangaliswa benze umsondlo bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?
-
9
|1 Reyes 9:9|
Bathi ke, Kungenxa yokuba bamshiyayo uYehova uThixo wabo, owakhupha ooyise ezweni lamaYiputa; babambelela thixweni bambi, babanqula, babakhonza; kungenxa yoko abuzisileyo bonke obu bubi phezu kwabo uYehova.
-
10
|1 Reyes 9:10|
Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, awazakha ngayo uSolomon izindlu zombini, indlu kaYehova nendlu kakumkani
-
11
|1 Reyes 9:11|
(uHiram ukumkani waseTire ebemncedile uSolomon ngemisedare nangemisipres, nangegolide, ngangoko abekunqwenele), ukumkani uSolomon wamnika uHiram amashumi amabini emizi ezweni leGalili.
-
12
|1 Reyes 9:12|
Waphuma uHiram eTire, eya kuyibona imizi uSolomon abemnike yona: ayalunga emehlweni akhe.
-
13
|1 Reyes 9:13|
Wathi, Yimizi mini na le undinikileyo, mzalwana wam? Wathi, Lilizwe laseKabhuli unanamhla.
-
14
|1 Reyes 9:14|
UHiram wayethumele kukumkani ikhulu elinamanci mabini eetalente zegolide.
-
15
|1 Reyes 9:15|
Siso esi isizathu sokufakwa uviko awasimisayo ukumkani uSolomon, ukuba akhe indlu kaYehova, nendlu yakhe, neMilo, nodonga lweYerusalem, neHatsore, neMegido, neGezere.
-
16
|1 Reyes 9:16|
Kwakunyuke uFaro ukumkani waseYiputa, wayithimba iGezere, wayitshisa ngomlilo, wawabulala amaKanan abehleli kuloo mzi, wayinika intombi yakhe, umkaSolomon, yaba yinqakwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8