-
-
Xhosa
-
-
17
|1 Reyes 9:17|
USolomon wayakha ke iGezere, neBhete-horon yasezantsi;
-
18
|1 Reyes 9:18|
neBhahalati, neTademore esentlango kwelo zwe;
-
19
|1 Reyes 9:19|
nemizi engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yeenqwelo, nemizi yabamahashe, nokulangazelela kukaSolomon awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.
-
20
|1 Reyes 9:20|
Bonke abantu abaseleyo kuma-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababengengabo abakoonyana bakaSirayeli,
-
21
|1 Reyes 9:21|
oonyana babo abasala emva kwabo ezweni, ababengenako oonyana bakaSirayeli ukubasingela phantsi, wabahlahla uSolomon, ukuba babe ngamakhoboka afakwa uviko unanamhla.
-
22
|1 Reyes 9:22|
Ke koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga khoboka; kuba bona baba ngamadoda akhe okulwa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabaphathi-mikhosi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
-
23
|1 Reyes 9:23|
Abo bathetheli babengabongameli abaphezu komsebenzi kaSolomon; babengamakhulu amahlanu anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini abenza loo msebenzi.
-
24
|1 Reyes 9:24|
Yathi yakuthi ukunyuka intombi kaFaro, iphuma emzini kaDavide, isiza endlwini yayo abeyakhele, waqala wayakha iMilo.
-
25
|1 Reyes 9:25|
USolomon ubenyusa kathathu ngomnyaka amadini anyukayo, nemibingelelo yokubulela, esibingelelweni abesakhele uYehova, aqhumisele kweso siphambi koYehova. Wayigqiba indlu.
-
26
|1 Reyes 9:26|
Ukumkani uSolomon wenza isinqanawa e-Etsiyon-gebhere, ese-Eloti, elunxwemeni loLwandle oluBomvu, ezweni lakwaEdom.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8