-
-
Xhosa
-
-
18
|1 Reyes 2:18|
Wathi uBhatshebha, Kulungile, ndokuthethelela kukumkani.
-
19
|1 Reyes 2:19|
Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe.
-
20
|1 Reyes 2:20|
Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; uze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela.
-
21
|1 Reyes 2:21|
Wathi yena, UAbhishagi waseShunem makanikwe uAdoniya, umkhuluwa wakho, abe ngumkakhe.
-
22
|1 Reyes 2:22|
Waphendula ukumkani uSolomon, wathi kunina, Yini na ukuba uAdoniya umcelele uAbhishagi waseShunem? Sewumcelela nobukumkani, ngokuba ungumkhuluwa wam; ucelele yena, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya.
-
23
|1 Reyes 2:23|
Ukumkani uSolomon wafunga uYehova, wathi, Makenjenje uThixo kum, aqokele ukwenjenje, ukuba uAdoniya akalithethanga elo lizwi elahla umphefumlo wakhe.
-
24
|1 Reyes 2:24|
Ngoko, ehleli nje uYehova, ondiqinisileyo, wandihlalisa etroneni kaDavide ubawo, wandenzela indlu njengoko wakuthethayo, uya kubulawa namhlanje uAdoniya.
-
25
|1 Reyes 2:25|
Ukumkani uSolomon wathumela ke ngoBhenaya unyana kaYehoyada; wamgwaza, wafa.
-
26
|1 Reyes 2:26|
NakuAbhiyatare umbingeleli wathi ukumkani, Hamba uye eAnatoti, emhlabeni wakho; ngokuba ungumfo wokufa; ke andiyi kukubulala ngale mini; ngokuba wayithwala ityeya yeNkosi uYehova phambi koDavide ubawo, nangokuba ubucinezelwe kuko konke abecinezelwe kuko ubawo.
-
27
|1 Reyes 2:27|
USolomon wamgxotha uAbhiyatare ekubeni ngumbingeleli kaYehova; ukuze alizalise ilizwi likaYehova, awalithethayo ngendlu kaEli eShilo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5