-
-
Xhosa
-
-
41
|1 Reyes 1:41|
Beva ooAdoniya nabamenywa bakhe bonke, bakukhova ukudla. Wasiva uYowabhi isandi sesigodlo, wathi, Sesani na esi sandi sizamazamisa isixeko?
-
42
|1 Reyes 1:42|
Uthe esathetha, nanko kufika uYonatan unyana ka-Abhiyatare umbingeleli. Wathi uAdoniya, Ngena, ngokuba ungumfo onesidima, uza neendaba ezilungileyo.
-
43
|1 Reyes 1:43|
Waphendula uYonatan, wathi kuAdoniya, Hayi, inkosi yethu ukumkani uDavide imenze ukumkani uSolomon.
-
44
|1 Reyes 1:44|
Ukumkani umkhuphe noTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi, bamkhwelisa kundlebende wokumkani;
-
45
|1 Reyes 1:45|
ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti bamthambisa ukuba abe ngukumkani eGihon. Benyuka, besuka apho bevuya, sazamazama ke isixeko. Siso ke eso esi sandi nisivayo.
-
46
|1 Reyes 1:46|
Kananjalo uSolomon uselehleli etroneni yobukumkani.
-
47
|1 Reyes 1:47|
Kananjalo bafikile abakhonzi bokumkani, beza kubonga inkosi yethu, ukumkani uDavide, bathi, UThixo wakho makalilungise igama likaSolomon ngaphezu kwegama lakho, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yakho; waqubuda ukumkani esililini.
-
48
|1 Reyes 1:48|
Kananjalo wenjenje ukumkani ukuthetha, wathi, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, ondinikileyo namhla owokuhlala etroneni yam, esabona nje amehlo am.
-
49
|1 Reyes 1:49|
Bothuka ke bonke abamenywa baka-Adoniya, besuka, bahamba elowo indlela yakhe.
-
50
|1 Reyes 1:50|
Woyika uAdoniya ebusweni bukaSolomon, wesuka, waya wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10