-
-
Xhosa
-
-
21
|1 Reyes 1:21|
Kothi, xa ithe yalala kooyise inkosi yam ukumkani, sibe ngaboni, thina noSolomon unyana wam.
-
22
|1 Reyes 1:22|
Uthe esathetha nokumkani, nanko kufika uNatan umprofeti.
-
23
|1 Reyes 1:23|
Waxelelwa ukumkani, kwathiwa, Nanku uNatan umprofeti. Wafika ke phambi kokumkani, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni;
-
24
|1 Reyes 1:24|
wathi uNatan, Nkosi yam kumkani, utshilo na wena ukuthi, UAdoniya uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam?
-
25
|1 Reyes 1:25|
Ngokuba uhlile namhlanje, wabingelela iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, nabathetheli-mkhosi, noAbhiyatare umbingeleli; nabo ke besidla besela phambi kwakhe, besithi, Makadle ubomi ukumkani uAdoniya.
-
26
|1 Reyes 1:26|
Ke akandimemanga mna mkhonzi wakho, noTsadoki umbingeleli, noBhenyana unyana kaYehoyada, noSolomon umkhonzi wakho.
-
27
|1 Reyes 1:27|
Ingaba ivela kwinkosi yam ukumkani na le nto, waza akwabazisa abakhonzi bakho oya kuhlala etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo?
-
28
|1 Reyes 1:28|
Waphendula ukumkani uDavide, wathi, Bizani uBhatshebha eze kum. Weza ke phambi kokumkani, wema phambi kokumkani.
-
29
|1 Reyes 1:29|
Wafunga ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, owawukhululayo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke;
-
30
|1 Reyes 1:30|
inene, njengoko ndakufungela uYehova uThixo kaSirayeli, ndisithi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam esikhundleni sam: inene, ndiya kwenjenjalo namhla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10