-
-
Xhosa
-
-
3
|2 Samuel 10:3|
Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun inkosi yabo, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? UDavide akabathumele na abakhonzi bakhe kuwe ukuze awugocagoce umzi, awuhlole, awubhukuqe?
-
4
|2 Samuel 10:4|
Wabathabatha ke uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya elinye icala leendevu zabo, wazicanda phakathi iingubo zabo ezinde, wada waya kuma ngemisekela, wabandulula ke.
-
5
|2 Samuel 10:5|
Waxelelwa uDavide; wathuma izigidimi zokubakhawulela; ngokuba amadoda lawo abehlaziswe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko, zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya.
-
6
|2 Samuel 10:6|
Babona oonyana baka-Amon ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke oonyana baka-Amon, baqesha kuma-Aram aseBhete-rehobhi, nakuma-Aram aseTsobha, amashumi amabini amawaka angumqikela; nakukumkani waseMahaka iwaka lamadoda; nakumadoda aseTobhi ishumi elinamabini lamawaka amadoda.
-
7
|2 Samuel 10:7|
Weva uDavide; wathuma uYowabhi enomkhosi wonke wamagorha.
-
8
|2 Samuel 10:8|
Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni kwesango; ama-Aram aseTsobha, nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi, nawaseMahaka aba wodwa endle.
-
9
|2 Samuel 10:9|
Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva, wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.
-
10
|2 Samuel 10:10|
Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe, wabakha baluluhlu malunga noonyana baka-Amon.
-
11
|2 Samuel 10:11|
Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakoyisa, ndoza kukusiza.
-
12
|2 Samuel 10:12|
Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova enze oko kulungileyo emehlweni akhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7