-
-
Xhosa
-
-
14
|2 Samuel 8:14|
Wamisa ikampu kwelamaEdom; wamisa ikampu kwelamaEdom lonke, aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
-
15
|2 Samuel 8:15|
Waye engukumkani ke uDavide kumaSirayeli onke. Waye uDavide esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke.
-
16
|2 Samuel 8:16|
Ke uYowabhi, unyana kaTseruya, wayephethe umkhosi; noYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
-
17
|2 Samuel 8:17|
UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, baye bengababingeleli; uSeraya waye engumbhali;
-
18
|2 Samuel 8:18|
uBhenaya, unyana kaYehoyada, ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babengababingeleli.
-
1
|2 Samuel 9:1|
Wathi uDavide, Kusekho mpunde na kwindlu kaSawule, ukuze ndiyenzele inceba ngenxa kaYonatan?
-
2
|2 Samuel 9:2|
Ke indlu kaSawule ibinomkhonzi ogama linguTsibha; bambizela kuDavide. Wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi yena, Ndingumkhonzi wakho.
-
3
|2 Samuel 9:3|
Wathi ukumkani, Akusekho namnye na umntu wendlu kaSawule, ndimenzele inceba kaThixo? Wathi ke uTsibha kukumkani, Kusekho unyana kaYonatan, ofe iinyawo.
-
4
|2 Samuel 9:4|
Wathi ukumkani kuye, Uphi na? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
-
5
|2 Samuel 9:5|
Wathumela ke ukumkani uDavide, wamthabatha endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7