-
-
Xhosa
-
-
13
|2 Samuel 7:13|
Nguye oya kulakhela igama lam indlu, ndiyiqinise itrone yobukumkani bakhe, kude kuse ephakadeni.
-
14
|2 Samuel 7:14|
Mna ndiya kuba nguyise wakhe, yena abe ngunyana wam; endothi ebugwenxeni bakhe, ndimohlwaye ngentonga yabantu, nangobetho loonyana baka-Adam.
-
15
|2 Samuel 7:15|
Ke yona inceba yam ayiyi kusuka kuye, njengoko ndayisusayo kuSawule, endimsusileyo ebusweni bakho.
-
16
|2 Samuel 7:16|
Iya kuqina indlu yakho nobukumkani bakho kude kuse ephakadeni phambi kwakho; itrone yakho iya kuqiniseka kude kuse ephakadeni.
-
17
|2 Samuel 7:17|
Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo ukuthetha uNatan kuDavide.
-
18
|2 Samuel 7:18|
Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Nkosi yam Yehova? Iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?
-
19
|2 Samuel 7:19|
Kusekuncinane oko ke emehlweni akho, Nkosi yam Yehova; uthetha ngoku nangendlu yomkhonzi wakho, usingise mgama. Le nto ke lisiko lomntu na, uNkosi yam Yehova?
-
20
|2 Samuel 7:20|
Angabuya abe esathetha ntoni na ke uDavide kuwe? Wena uyamazi umkhonzi wakho, Nkosi yam Yehova.
-
21
|2 Samuel 7:21|
Ngenxa yelizwi lakho, nangokwentliziyo yakho, ubenzile bonke obo bukhulu, ukuba ubazise umkhonzi wakho.
-
22
|2 Samuel 7:22|
Ngenxa yoko umkhulu, Yehova Thixo; ngokuba akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7