-
-
Xhosa
-
-
23
|2 Samuel 7:23|
Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho, olunjengamaSirayeli, awaya kuzikhululela uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba azimisele igama ngalo, anenzele izenzo ezikhulu nina, alenzele izenzo ezoyikekayo ilizwe lakho ebusweni babantu bakho, owazikhululelayo bona eYiputa, ezintlangeni nakoothixo bazo?
-
24
|2 Samuel 7:24|
Uziqinisele abantu bakho amaSirayeli, ukuba babe ngabantu kuwe kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo.
-
25
|2 Samuel 7:25|
Kaloku, Yehova Thixo, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, limise kude kuse ephakadeni, wenze njengoko ukuthethileyo;
-
26
|2 Samuel 7:26|
likhule igama lakho kude kuse ephakadeni; kusithiwa, UYehova wemikhosi nguThixo wamaSirayeli, nendlu yomkhonzi wakho uDavide izinzile phambi kwakho.
-
27
|2 Samuel 7:27|
Ngokuba wena, Yehova wemikhosi, Thixo kaSirayeli, utyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, wathi, Ndiya kukwakhela indlu; ngenxa yoko umkhonzi wakho uyifumene intliziyo yokuze awuthandaze kuwe lo mthandazo.
-
28
|2 Samuel 7:28|
Kaloku, Nkosi yam Yehova, unguye uThixo; namazwi akho aya kuba yinyaniso. Uthethe oko kulungileyo kumkhonzi wakho;
-
29
|2 Samuel 7:29|
kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Nkosi yam Yehova, uthethile. Ngentsikelelo yakho mayisikelelwe indlu yomkhonzi wakho ngonaphakade.
-
1
|2 Samuel 8:1|
Kwathi emveni kokuba njalo, uDavide wawaxabela amaFilisti, waweyisa; uDavide wabuthabatha ubukhosi esandleni samaFilisti.
-
2
|2 Samuel 8:2|
Wawaxabela amaMowabhi, wawalinganisa ngolutya, ewalalisa emhlabeni; walinganisa izintya zambini zokubulala, nolutya lwalunye oluzalisekileyo lokusindisa. Ke amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo.
-
3
|2 Samuel 8:3|
UDavide wamxabela uHadadezere, unyana kaRehobhi, ukumkani weTsobha, ekuyeni kuwabuyisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7