-
-
Xhosa
-
-
7
|2 Samuel 12:7|
Waza wathi uNatan kuDavide, Loo ndoda nguwe. Utsho uYehova uThixo kaSirayeli ukuthi, Mna ndakuthambisa ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli, mna ndakuhlangula esandleni sikaSawule,
-
8
|2 Samuel 12:8|
ndakunika indlu yenkosi yakho, nabafazi benkosi yakho esifubeni sakho, ndakunika indlu yakwaSirayeli neyakwaYuda; ke, ukuba bekukuncinane oko, ngendikongezile ndenjenje, ndenjenje.
-
9
|2 Samuel 12:9|
Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon?
-
10
|2 Samuel 12:10|
Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho.
-
11
|2 Samuel 12:11|
Utsho uYehova ukuthi, Ndikuvelisela ububi obuya kuphuma endlwini yakho: ndibathabathe abafazi bakho emehlweni akho, ndibanike ummelwane wakho, alale nabafazi bakho phambi kwelanga eli.
-
12
|2 Samuel 12:12|
Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaSirayeli onke, naphambi kwelanga eli.
-
13
|2 Samuel 12:13|
Wathi uDavide kuNatan, Ndonile kuYehova. Wathi uNatan kuDavide, Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa.
-
14
|2 Samuel 12:14|
Kodwa ke, ngenxa yokuba uzinike ithuba lokunyelisa iintshaba zikaYehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene.
-
15
|2 Samuel 12:15|
Waya uNatan endlwini yakhe. UYehova wamhlisela isifo umntwana abemzalelwe uDavide ngumkaUriya; wagula kakhulu.
-
16
|2 Samuel 12:16|
UDavide wambongoza uThixo ngenxa yenkwenkwe leyo; uDavide wazila ukudla, waqungquluza emhlabeni bonke ubusuku.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7