-
-
Xhosa
-
-
6
|2 Samuel 13:6|
Walala ke uAmnon, wazigulisa. Ukumkani waya kumbona. Wathi uAmnon kukumkani, Makhe eze uTamare udade wethu, enze phambi kwam izonkana eziyolisa intliziyo, zibe zibini, ndizidle esandleni sakhe.
-
7
|2 Samuel 13:7|
Wathumela uDavide kuTamare endlwini, esithi, Khawuye endlwini ka-Amnon umnakwenu, umenzele ukudla.
-
8
|2 Samuel 13:8|
Waya uTamare endlwini ka-Amnon umnakwabo, yena elele phantsi. Wathabatha intlama, waxovula, wenza izonkana eziyolisa intliziyo phambi kwakhe, wazosa izonkana eziyolisa intliziyo.
-
9
|2 Samuel 13:9|
Wathabatha ipani, wazikhuphela phambi kwakhe; akavuma ukudla. Wathi uAmnon, Mabakhutshwe abantu bonke, baphume kum. Baphuma bonke abantu kuye.
-
10
|2 Samuel 13:10|
Wathi uAmnon kuTamare, Kuzise ekhusini apha ukudla, ndidle esandleni sakho. Wazithabatha uTamare izonkana eziyolisa intliziyo abezenzile, wazisa ekhusini kuAmnon umnakwabo.
-
11
|2 Samuel 13:11|
Wazisondeza kuye ukuba adle. Wesuka yena, wambamba, wathi kuye, Yiza, ulale nam, dade wethu.
-
12
|2 Samuel 13:12|
Wathi kuye, Musa, mnakwethu, musa ukundidlwengula; ngokuba akwenjiwa nje kwaSirayeli; musa ukulenza eli nyala.
-
13
|2 Samuel 13:13|
Mna ndingaya phi na nehlazo lam? Ke wena ungaba njengowabanobudenge kwaSirayeli. Khawuthethe ke ngoko nokumkani; ngokuba akangemangali nam kuwe.
-
14
|2 Samuel 13:14|
Akavuma yena ukuliphulaphula ilizwi lakhe. Wameyisa, wamdlwengula, walala naye.
-
15
|2 Samuel 13:15|
Waza uAmnon wamthiya ngentiyo enkulu kunene; ngokuba yaba nkulu intiyo awamthiya ngayo, ngaphezu kwentando abemthande ngayo. Wathi uAmnon kuye, Suka umke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7