-
-
Xhosa
-
-
16
|2 Samuel 13:16|
Wathi kuye, Musa ukuba yimbangi yobu bubi bokundigxotha; bukhulu ngaphezu kobuya ubenzileyo kum. Akavuma ukumphulaphula.
-
17
|2 Samuel 13:17|
Wabiza umfana, umlungiseleli wakhe, wathi, Khawugxothe le nkazana, imke kum, iye phandle, utshixe ucango emva kwayo.
-
18
|2 Samuel 13:18|
Ke yayambethe ingubo ende enemikhono; ngokuba bezisenjenjalo iintombi zokumkani eziseziintombi, ukwambatha ingubo yokwaleka. Wayikhuphela ngaphandle ke umlungiseleli wakhe, walutshixa ucango emva kwayo.
-
19
|2 Samuel 13:19|
UTamare wazigalela uthuthu entloko, wayikrazula ingubo yakhe ende enemikhono abeyambethe, wabeka isandla entloko, wemka, ehamba ekhala.
-
20
|2 Samuel 13:20|
Wathi uAbhisalom umnakwabo kuye, Ubenawe na uAmnon umnakwenu? Kaloku, dade wethu, hlala uthi tu, ngumnakwenu. Musa ukuyibekela ntliziyo le nto. Wahlala ke uTamare, wasisishwayimbana endlwini ka-Abhisalom umnakwabo.
-
21
|2 Samuel 13:21|
Waziva ukumkani uDavide zonke ezo nto, wavutha ngumsindo kunene.
-
22
|2 Samuel 13:22|
Akathetha nelibi nelilungileyo uAbhisalom kuAmnon; ngokuba uAbhisalom wamthiya uAmnon, ngale nto yokuba emdlwengule uTamare udade wabo.
-
23
|2 Samuel 13:23|
Kwathi, emva kweminyaka emibini, kwabakho abachebi kuAbhisalom eBhahali-hatsore kwaEfrayim. UAbhisalom wamema bonke oonyana bokumkani.
-
24
|2 Samuel 13:24|
Weza uAbhisalom, wathi kukumkani, Uyabona, naba abachebi kumkhonzi wakho; ukumkani nabakhonzi bakhe mabahambe nomkhonzi wakho.
-
25
|2 Samuel 13:25|
Ukumkani wathi kuAbhisalom, Musa, nyana wam; masingayi sonke sibe ngumthwalo kuwe. Wamzama; akavuma ukuya, kodwa wamsikelela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7