-
-
Xhosa
-
-
36
|2 Samuel 13:36|
Kwathi, akugqiba ukuthetha, babonakala befika oonyana bokumkani, baliphakamisa ilizwi labo, balila; kananjalo ukumkani nabakhonzi bakhe bonke batsho isililo esikhulu kunene.
-
37
|2 Samuel 13:37|
Ke uAbhisalom wabalekela kuTalemayi, unyana ka-Amihudi, ukumkani waseGeshuri. UDavide wenza isijwili ngonyana wakhe yonke imihla.
-
38
|2 Samuel 13:38|
Wabaleka ke uAbhisalom wafika eGeshuri, waba minyaka mithathu khona.
-
39
|2 Samuel 13:39|
UDavide ukumkani walangazelela ukuphuma aye kuAbhisalom, kuba wayeselethuthuzelekile ngoAmnon kuba efile.
-
1
|2 Samuel 14:1|
Wazi uYowabhi unyana kaTseruya, ukuba intliziyo yokumkani ibheke kuAbhisalom,
-
2
|2 Samuel 14:2|
uYowabhi wathumela ke eTekowa, wathabatha khona inkazana elumkileyo, wathi kuyo, Khawuzenze ozilileyo, khawunxibe iingubo zokuzila, ungazithambisi ngeoli; yiba njengenkazana le imenzela ofileyo izila imihla emininzi;
-
3
|2 Samuel 14:3|
uye kukumkani, uthethe kuye wenjenje. UYowabhi wafaka amazwi emlonyeni wayo.
-
4
|2 Samuel 14:4|
Yathetha inkazana yaseTekowa kukumkani, yawa ngobuso emhlabeni, yaqubuda, yathi, Sindisa, kumkani.
-
5
|2 Samuel 14:5|
Ukumkani wathi kuyo, Unandawoni na? Yathi, Hayi, ndingumhlolokazi; indoda yam ifile.
-
6
|2 Samuel 14:6|
Umkhonzazana wakho ebenoonyana ababini; balwa bobabini endle, akwabakho mhlanguli phakathi kwabo: omnye watsho komnye, wambulala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10