-
-
Xhosa
-
-
17
|2 Samuel 14:17|
Wathi ke umkhonzazana wakho, Ilizwi lenkosi yam ukumkani malibe lelokuphumza; ngokuba njengoko sinjalo isithunywa sikaThixo, injalo inkosi yam ukumkani, ukuva okulungileyo nokubi; uYehova uThixo wakho makabe nawe.
-
18
|2 Samuel 14:18|
Waphendula ke ukumkani, wathi kwinkazana, Musa ukukha uyikhanyele kum into endikubuzayo. Yathi inkazana, Mayikhe ithethe inkosi yam ukumkani.
-
19
|2 Samuel 14:19|
Wathi ke ukumkani, Isandla sikaYowabhi asinawe na kule nto yonke? Yaphendula inkazana, yathi, Uhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam kumkani, inene, akukho nto ingasekunene nengasekhohlo kuko konke ekuthethayo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYowabhi umkhonzi wakho, nguye lo undiwisele umthetho, nguye lo uwabekileyo emlonyeni womkhonzazana wakho onke la mazwi.
-
20
|2 Samuel 14:20|
Wenze le nto umkhonzi wakho uYowabhi, ukuze buguqulwe ubuso bale nto. Ke inkosi yam ilumke ngokulumka kwesithunywa sikaThixo, ukuba yazi konke okusemhlabeni.
-
21
|2 Samuel 14:21|
Wathi ukumkani kuYowabhi, Uyabona, ndiyenzile ke loo nto; hamba uye, umbuyise umfana lowo uAbhisalom.
-
22
|2 Samuel 14:22|
Wawa ke uYowabhi ngobuso emhlabeni, waqubuda, wabulela kukumkani, wathi, Namhla wazile umkhonzi wakho, ukuba ubabalwe nguwe, nkosi yam kumkani, esenzile nje ukumkani isicelo somkhonzi wakhe.
-
23
|2 Samuel 14:23|
Wesuka ke uYowabhi, waya eGeshuri, wamzisa uAbhisalom eYerusalem.
-
24
|2 Samuel 14:24|
Wathi ukumkani, Makajike aye endlwini yakhe, angabuboni ubuso bam. Wajika uAbhisalom, waya endlwini yakhe; akabubona ubuso bokumkani.
-
25
|2 Samuel 14:25|
Ke kumaSirayeli onke bekungekho ndoda injengoAbhisalom ukuba yinzwana, ngokokuze adunyiswe kunene; kwathabathela entendeni yonyawo kwesa elukakayini phezulu, kungekho siphako kuye.
-
26
|2 Samuel 14:26|
Ubesithi akuyicheba intloko yakhe (kuba bekusithi ekupheleni komnyaka iminyaka yonke ayichebe, ngokuba ibinzima phezu kwakhe, ayichebe ke), azilinganise iinwele zentloko yakhe, zisuke zibe ziishekele ezimakhulu mabini, ngokwelitye lokumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10