-
-
Xhosa
-
-
27
|2 Samuel 14:27|
UAbhisalom wazalelwa oonyana abathathu, nentombi yanye; igama layo belinguTamare; ibiyinzwakazi ukubonakala kwayo.
-
28
|2 Samuel 14:28|
UAbhisalom wahlala eYerusalem iminyaka emibini; akabubona ubuso bokumkani.
-
29
|2 Samuel 14:29|
UAbhisalom wathumela kuYowabhi, ukuba amthumele kukumkani; akavuma ukuza kuye. Wabuya wathumela okwesibini; akavuma ukuza.
-
30
|2 Samuel 14:30|
Wathi kubakhonzi bakhe, Khangelani intsimi kaYowabhi, ingakweyam; unerhasi khona; yiyani, niyitshise ngomlilo. Bayitshisa ke abakhonzi baka-Abhisalom intsimi ngomlilo.
-
31
|2 Samuel 14:31|
Wesuka uYowabhi, waya kuAbhisalom, wathi kuye, Yini na ukuba abakhonzi bakho bayitshise ngomlilo intsimi yam?
-
32
|2 Samuel 14:32|
Wathi uAbhisalom kuYowabhi, Yabona, ndithumele kuwe, ndisithi, Yiza apha, ndikuthumele kukumkani, uye kuthi, Ndibuyiselweni na eGeshuri? Bekundilungele kanye ukuba ndibe ndisekhona. Kaloku mandibubone ubuso bokumkani; ukuba ndinetyala, makaselendibulala.
-
33
|2 Samuel 14:33|
Waya ke uYowabhi kukumkani, wamxelela. Wambiza uAbhisalom; waya kukumkani, waqubuda kuye ngobuso emhlabeni phambi kokumkani; ukumkani wamanga ke uAbhisalom.
-
1
|2 Samuel 15:1|
Kwathi emveni koko, uAbhisalom wazilungisela iinqwelo zokulwa, namahashe, namadoda angamashumi amahlanu ukuba abe zizigidimi phambi kwakhe.
-
2
|2 Samuel 15:2|
UAbhisalom wavuka kusasa, wema ngasecaleni lendlela yesango. Ubesakuthi, bonke abantu abanembambano yokuba kuyiwe kukumkani ngayo, ukuba ayigwebe, ababizele kuye uAbhisalom, abuze athi, Ungowawuphi na umzi? athi umntu lowo, Ungowezizwe zakwaSirayeli umkhonzi wakho.
-
3
|2 Samuel 15:3|
Ubesakuthi ke uAbhisalom kuye, Yabona, iindawo zakho ezi zilungile, zithe tse; koko akunamntu wokuzithetha kukumkani;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10