-
-
Xhosa
-
-
24
|2 Samuel 15:24|
Nanko, uTsadoki nabaLevi bonke benaye, bethwele ityeya yomnqophiso kaThixo, bayibeka phantsi ityeya kaThixo. Wenyuka uAbhiyatare, bada bagqibelela bonke abantu ukuwela, bephuma kuwo umzi.
-
25
|2 Samuel 15:25|
Wathi ukumkani kuTsadoki, Yibuyisele kuwo umzi ityeya kaThixo. Ukuba ndithe ndababalwa nguYehova, wondibuyisa, andibonise yona kwanekhaya lakhe.
-
26
|2 Samuel 15:26|
Ukuba uthe, Andikunanzile; nanku ndikho, makenze kum ngoko kulungileyo emehlweni akhe.
-
27
|2 Samuel 15:27|
Wathi ukumkani kuTsadoki umbingeleli, Wena mboni, buyela kuwo umzi unoxolo, noAhimahatse unyana wakho, noYonatan unyana ka-Abhiyatare, oonyana benu bobabini kunye nawe.
-
28
|2 Samuel 15:28|
Yabonani, ndozilazila emazibukweni entlango, kude kufike ilizwi elivela kuni lokundixelela.
-
29
|2 Samuel 15:29|
UTsadoki noAbhiyatare bayibuyisela ityeya kaThixo eYerusalem, bahlala khona.
-
30
|2 Samuel 15:30|
UDavide wenyuka eqhineni leminquma, enyuka elila, egqubuthele intloko, ehamba engenazimbadada ezinyaweni zakhe; bonke abantu abenabo begqubuthele elowo intloko yakhe; benyuka, benyuka belila.
-
31
|2 Samuel 15:31|
Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, UAhitofele ukubacebisi baka-Abhisalom. Wathi uDavide, Yehova, khawulitshitshise icebo lika-Ahitofele.
-
32
|2 Samuel 15:32|
Kwathi, akuya kufika uDavide encotsheni, apho bekusakuqutyudwa khona kuThixo, nanko uHushayi umArki emkhawulela, ekrazule ingubo yakhe, enomhlaba entloko.
-
33
|2 Samuel 15:33|
UDavide wathi kuye, Ukuba uthe wagqithela nam, woba ngumthwalo kum;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10