-
-
Xhosa
-
-
7
|2 Samuel 16:7|
Wathi uShimehi ukutshabhisa kwakhe, Phuma, phuma, mfondini wamagazi, mfondini ulitshijolo;
-
8
|2 Samuel 16:8|
uYehova uwabuyisele phezu kwakho onke amagazi endlu kaSawule, othe wena wangukumkani esikhundleni sakhe; uYehova ubunikele ubukumkani esandleni sika-Abhisalom, unyana wakho. Yabona, weyele ebubini bakho, ngokuba ungumfo wamagazi.
-
9
|2 Samuel 16:9|
Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko.
-
10
|2 Samuel 16:10|
Wathi ukumkani, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya? Myeke atshabhise; xa uYehova athe kuye, Mtshabhise uDavide, ngubani na oya kuthi, Yini na ukuba wenjenjalo?
-
11
|2 Samuel 16:11|
Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam ophume ezibilinini zam ungxamele umphefumlo wam; angabeka phi na ke ngoku lo mBhenjamin? Myekeni atshabhise; ngokuba utshilo kuye uYehova.
-
12
|2 Samuel 16:12|
Mhlawumbi uYehova angabukhangela ubugwenxa bam, uYehova andibuyisele okulungileyo, esikhundleni sokutshabhiswa kwam namhla.
-
13
|2 Samuel 16:13|
UDavide wahamba ngendlela namadoda akhe; uShimehi ehamba ecaleni lentaba elilunge naye, engaphesheya; wahamba etshabhisa, wamxuluba ngamatye emalunga naye, emphosa nothuli.
-
14
|2 Samuel 16:14|
Ukumkani nabantu bonke abanaye beza eAyefim, bakha baphefumla khona.
-
15
|2 Samuel 16:15|
Ke kaloku uAbhisalom nabantu bonke, amadoda akwaSirayeli, beza eYerusalem, benoAhitofele.
-
16
|2 Samuel 16:16|
Kwathi, akufika uHushayi waseArki, umhlobo kaDavide, kuAbhisalom, wathi uHushayi kuAbhisalom, Makadle ubomi ukumkani, makadle ubomi ukumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7