-
-
Xhosa
-
-
14
|2 Samuel 17:14|
Wathi uAbhisalom namadoda onke akwaSirayeli, Icebo likaHushayi umArki lilungile kunecebo lika-Ahitofele. UYehova wayemise ukuba litshitshiswe icebo elilungileyo lika-Ahitofele, ukuze uYehova amzisele ububi uAbhisalom.
-
15
|2 Samuel 17:15|
Wathi uHushayi kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, Wenjenje, wenjenje uAhitofele ukumpha icebo uAbhisalom namadoda amakhulu akwaSirayeli; ke mna ndenjenje, ndenjenje ukubapha icebo.
-
16
|2 Samuel 17:16|
Thumelani ke ngoko kamsinya, nimxelele uDavide, nithi, Musa ukulala ngobu busuku emazibukweni entlango; khawuleza uwele, hleze aginywe ukumkani nabantu bonke anabo.
-
17
|2 Samuel 17:17|
Ke kaloku uYonatan noAhimahatse babemi e-En-rogele; waye umkhonzazana emana ukubaxelela; baya ke bona baxelela ukumkani uDavide; ngokuba babengenakuya besiza phakathi komzi ekuhleni.
-
18
|2 Samuel 17:18|
Umfana wababona, waxelela uAbhisalom. Bobabini ke basaba ngokukhawuleza, bafika endlwini yendoda eBhahurim ebinequla entendelezweni yayo, behla, behlela khona apho.
-
19
|2 Samuel 17:19|
Intokazi yathabatha isigqubuthelo, yasitwabulula emlonyeni wequla elo, yaneka phezu kwaso irhasi engqushiweyo; ayaziwa ke loo nto.
-
20
|2 Samuel 17:20|
Bafika abakhonzi baka-Abhisalom kuloo ntokazi endlwini, bathi, Baphi na ooAhimahatse noYonatan? Yathi loo ntokazi kubo, Bawele umlanjana lo unamanzi. Bafuna ke, ababafumana; babuyela eYerusalem.
-
21
|2 Samuel 17:21|
Kwathi emva kokumka kwabo, baphuma equleni, baya bamxelela ukumkani uDavide; bathi kuDavide, Sukani niwele kamsinya emanzini; ngokuba wenjenje uAhitofele ukubapha icebo ngani.
-
22
|2 Samuel 17:22|
Wesuka ke uDavide nabantu bonke anabo, bayiwela iYordan; kwathi kusasa kwabe kungasekho namnye ungayiwelanga iYordan.
-
23
|2 Samuel 17:23|
Ebonile uAhitofele ukuba akwenziwanga ngelakhe icebo, wabopha iesile, wesuka, wagoduka, waya emzini wakhe, wayolela, wazikrwitsha wafa; wangcwatyelwa engcwabeni likayise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7