-
-
Xhosa
-
-
15
|2 Samuel 18:15|
Amrhawula amadodana alishumi angabaphathi bempahla kaYowabhi, atsho kuAbhisalom, ambulala.
-
16
|2 Samuel 18:16|
Wavuthela uYowabhi isigodlo, babuya abantu ekuwasukeleni amaSirayeli; ngokuba uYowabhi wabanqanda abantu.
-
17
|2 Samuel 18:17|
Bamthabatha uAbhisalom, bamphosa ehlathini emgongxweni omkhulu, bafumba imfumba enkulu kakhulu yamatye phezu kwakhe. Asaba onke amaSirayeli, elowo waya ententeni yakhe.
-
18
|2 Samuel 18:18|
Ke kaloku uAbhisalom ekudleni kwakhe ubomi wayethabathe wazimisela ilitye elisentilini yokumkani; ngokuba ubesithi, Andinanyana wokulikhumbuza igama lam. Walibiza ngegama lakhe elo litye: labizwa ngokuthi sisikhumbuzo sika-Abhisalom unanamhla.
-
19
|2 Samuel 18:19|
Wathi uAhimahatse, unyana kaTsadoki, Mandigidime, ndimshumayeze ukumkani iindaba ezilungileyo zokuba uYehova umgwebele, wamkhulula ezandleni zeentshaba zakhe.
-
20
|2 Samuel 18:20|
Wathi uYowabhi kuye, Akunguye mfo weendaba ezilungileyo namhla; woshumayela iindaba ezilungileyo ngenye imini, kodwa namhla akusayi kushumayela zindaba zilungileyo, ngokuba unyana wokumkani ufile.
-
21
|2 Samuel 18:21|
Wathi uYowabhi kuKushi, Hamba uye kumxelela ukumkani okubonileyo. Waqubuda uKushi kuYowabhi, wagidima ke.
-
22
|2 Samuel 18:22|
Wabuya waphinda uAhimahatse, unyana kaTsadoki, wathi kuYowabhi, Nokuba kutheni, makhe ndimlandele nam uKushi. Wathi uYowabhi, Yini na ukuba ugidime, nyana wam, ungenazindaba zilungileyo zinanzuzo nje?
-
23
|2 Samuel 18:23|
Wathi, Nokuba kutheni, mandigidime. Wathi kuye, Gidima. Wagidima ke uAhimahatse ngendlela yaloo mmandla, wegqitha kuKushi.
-
24
|2 Samuel 18:24|
Ke uDavide ebehleli phakathi kwamasango amabini. Umlindi waya emphezulwini wesango eludongeni, waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza indoda, ibaleka iyodwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5