-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 12:1|
Ke kaloku, ngelo xesha uHerode ukumkani wabesa izandla abathile balo ibandla, ukuba abaphathe kakubi;
-
2
|Hechos 12:2|
wambulala ke uYakobi, umzalwana kaYohane, ngekrele.
-
3
|Hechos 12:3|
Wathi, akubona ukuba oko kuwakholisile amaYuda, waqokela ngokubamba noPetros (yaye ke iyimihla yezonka ezingenagwele leyo).
-
4
|Hechos 12:4|
Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amane amasoldati angamane, ukuba amgcine; engxamele ukuze emveni kwepasika amkhuphe, amse ebantwini.
-
5
|Hechos 12:5|
Wagcinwa ngoko okunene uPetros entolongweni; ke kwathandazwa libandla ngenyameko kuThixo ngenxa yakhe.
-
6
|Hechos 12:6|
Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango.
-
7
|Hechos 12:7|
Yabona, naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya kwelo gumbi lentolongo; sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama msinya. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni.
-
8
|Hechos 12:8|
Sathi kanjalo isithunywa eso kuye, Bhinqa, ubophe izixathula zakho. Wenjenjalo ke. Sithi kuye, Yithi wambu ingubo yakho, undilandele.
-
9
|Hechos 12:9|
Waphuma, wasilandela; wayengazi ukuba iyinene le nto yenziweyo ngesithunywa eso; ebeba ke ubone umbono.
-
10
|Hechos 12:10|
Begqithile ke kwelokuqala nakwelesibini iqela labalindi, bafika esangweni lentsimbi elibhekisa kuwo umzi, elathi lavuleka kubo ngokwalo; bakuphuma, bahamba isitrato sasinye; sathi kwaoko semka isithunywa eso kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7