-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 25:1|
Uthe ngoko uFesto, akuba engene eburhulumenteni, wathi emva kwemihla emithathu, wenyuka waya eYerusalem, esuka eKesareya.
-
2
|Hechos 25:2|
Ke kaloku, umbingeleli omkhulu nabaziintloko kumaYuda bammangalela uPawulos kuye, bambongoza,
-
3
|Hechos 25:3|
becela ukuba abababale ngokumbiza eze eYerusalem; bemlalele ukuze bambulale endleleni.
-
4
|Hechos 25:4|
Waphendula ke ngoko uFesto, wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.
-
5
|Hechos 25:5|
Wathi, Mabathi ngoko abanako phakathi kwenu, behle kunye nam, bayimangalele, ukuba kukho into kule ndoda.
-
6
|Hechos 25:6|
Akuba ke elibele kubo imihla engaphezu kweshumi, wehla waya eKesareya; ngengomso, akuba ehleli esihlalweni sokugweba, wathi makaziswe uPawulos.
-
7
|Hechos 25:7|
Uthe ke akufika, amaYuda abehle evela eYerusalem, amngqonga, emtyhola ngamatyala amaninzi anzima uPawulos, awayengenako ukuwamisa;
-
8
|Hechos 25:8|
esithi yena ukuziphendulela, Nasemthethweni wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare, andonanga nto.
-
9
|Hechos 25:9|
Ke uFesto, efuna ukuzithandisa kumaYuda, umphendule uPawulos wathi, Uyathanda na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?
-
10
|Hechos 25:10|
Uthe ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7