-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 9:1|
Ke kaloku uSawule, esabafuthela ngeentsongelo neembulalo abafundi beNkosi, waya kumbingeleli omkhulu;
-
2
|Hechos 9:2|
wacela kuye iincwadi zokuya eDamasko ezindlwini zesikhungu, ukuze athi, ethe wafumana abathile bale Ndlela, amadoda kwanabafazi, abazise bekhonkxiwe eYerusalem.
-
3
|Hechos 9:3|
Kuthe ke ekuhambeni kwakhe, wasondela eDamasko; waza ngesiquphe wabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiso oluvela ezulwini;
-
4
|Hechos 9:4|
wawa emhlabeni, weva izwi lisithi kuye, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na?
-
5
|Hechos 9:5|
Wathi ke yena, Ungubani na, Nkosi? Ithe ke iNkosi, Mna ndinguye uYesu omtshutshisayo wena; wenzakala, ukhaba iimviko nje.
-
6
|Hechos 9:6|
Waza egubha, eqhiphuke umbilini, wathi, Nkosi, ufuna ukuba ndenze ntoni na? Yathi iNkosi kuye, Vuka, uye kungena emzini lowo; woyixelelwa into omelwe kukuyenza.
-
7
|Hechos 9:7|
Ke kaloku amadoda abehamba naye ema engenakuthetha, eliva okunene lona izwi, kodwa engaboni mntu.
-
8
|Hechos 9:8|
Wavuka ke uSawule emhlabeni; wathi akuvulwa amehlo akhe, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, baza kumngenisa eDamasko.
-
9
|Hechos 9:9|
Waye emihla mithathu engaboni, engadli, engaseli nokusela.
-
10
|Hechos 9:10|
Ke kaloku bekukho mfundi uthile eDamasko, ugama linguHananiya; yathi iNkosi kuye embonweni, Hananiya. Uthe ke yena, Ndilapha, Nkosi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7