-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 15:1|
Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga naluswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa.
-
2
|Hechos 15:2|
Kuthe ngoko, kwakubonÂ’ ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.
-
3
|Hechos 15:3|
Bathi ke ngoko, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.
-
4
|Hechos 15:4|
Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo.
-
5
|Hechos 15:5|
Kwasuka kwema ke abathile abakholiweyo behlelo labaFarisi, besithi, Bamelwe kukuba baluke, nokuthi bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses.
-
6
|Hechos 15:6|
Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo.
-
7
|Hechos 15:7|
Ke kaloku, kwakubonÂ’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo, zikholwe.
-
8
|Hechos 15:8|
UThixo, umazi-ntliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;
-
9
|Hechos 15:9|
akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo.
-
10
|Hechos 15:10|
Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7