-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 16:1|
Ke kaloku wafika eDerbhe naseListra. Kwabonakala kukho mfundi uthile apho, ugama linguTimoti, unyana wentokazi ethile engumYudakazi okholiweyo, kodwa uyise engumGrike;
-
2
|Hechos 16:2|
obengqinelwe kakuhle ngabazalwana baseListra naseIkoniyo.
-
3
|Hechos 16:3|
Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalusa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike.
-
4
|Hechos 16:4|
Ke kaloku, xa babeyihamba imizi, babanikela imimiselo ukuba bayigcine, leyo ibimiswe ngabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem.
-
5
|Hechos 16:5|
Ayezimaseka ke ngoko amabandla elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla.
-
6
|Hechos 16:6|
Ke kaloku, bakulityhutyha ilizwe laseFrigi nelaseGalati, balelwa nguMoya oyiNgcwele ukulithetha ilizwi kwelaseAsiya.
-
7
|Hechos 16:7|
Befikile kwelaseMisi, balinga ukuya nakwelaseBhitini, kodwa akabavumelanga uMoya lowo;
-
8
|Hechos 16:8|
badlula ke kwelaseMisi, behla baya eTrowa.
-
9
|Hechos 16:9|
Kwabonakala umbono kuPawulos ebusuku. Kwema ndoda ithile yelaseMakedoni, imbongoza isithi, Wela uze kwelaseMakedoni, usisize.
-
10
|Hechos 16:10|
Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, safuna thina kwaoko ukuphuma siye kwelaseMakedoni, sigqibe kwelithi, iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7