-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 16:21|
basifundisa amasiko ekungavumelekileyo ukuba siwamkele, nokuba siwenze, singamaRoma.
-
22
|Hechos 16:22|
Isihlwele sabahlanganyela; nabathetheli bazithi qwengeqwenge iingubo zabo, bathi mababethwe ngeentswazi.
-
23
|Hechos 16:23|
Bathi, bakuba bebabethe imivumbo emininzi, babaphosa entolongweni, bamthethela umgcini wababanjwa ukuba abagcine ngokunqabileyo;
-
24
|Hechos 16:24|
owathi, amkele umyalelo onjalo, wabaphosa kwengaphakathi intolongo, waziqinisa iinyawo zabo emithini.
-
25
|Hechos 16:25|
Ke kaloku, malunga phakathi kobusuku, ooPawulos noSilas babethandaza, bevuma elokudumisa uThixo; babephulaphula ke ababanjwa.
-
26
|Hechos 16:26|
Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke.
-
27
|Hechos 16:27|
Ethe tyithi ke ebuthongweni umgcini wababanjwa, ebona iingcango zentolongo zivulekile, warhola ikrele, eza kuzibulala, eba ababanjwa babalekile.
-
28
|Hechos 16:28|
UPawulos wabiza ke ngezwi elikhulu wathi, Ungazenzakalisi; kuba sikho sonke apha.
-
29
|Hechos 16:29|
Ebize ke izibane, watsiba phakathi, waza egubha, wawa phantsi phambi koPawulos noSilas.
-
30
|Hechos 16:30|
Wabazisa phandle, wathi, Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7