-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 10:1|
Ke kaloku, kwaye kukho eKesareya ndoda ithile, igama linguKorneli, umthetheli-khulu wasebuthweni lamasoldati ekuthiwa lelaseItali, emhlonelayo,
-
2
|Hechos 10:2|
emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yayo; ibaliza abantu kunene; kanjalo yayimana ikhunga kuThixo.
-
3
|Hechos 10:3|
Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lenini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli!
-
4
|Hechos 10:4|
Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo.
-
5
|Hechos 10:5|
Susa kwangoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros;
-
6
|Hechos 10:6|
yena ulundwendwe lukaSimon, umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo uya kukuxelela into omelwe kukuyenza.
-
7
|Hechos 10:7|
Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye;
-
8
|Hechos 10:8|
waza, ebacacisele zonke iindawo, wabathuma eYopa.
-
9
|Hechos 10:9|
Ke kaloku ngengomso, bakubonÂ’ ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze.
-
10
|Hechos 10:10|
Wesuka ke walamba kakhulu, wanga angakhe afumane into edliwayo; kuthe ke, bakubonÂ’ ukuba ke bayamlungisela, wawelwa lithongo:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7