-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Hechos 10:31|
yathi, Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo;
-
32
|Hechos 10:32|
thumela ngoko eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; lowo ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba, ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe.
-
33
|Hechos 10:33|
Ndathumela ngoko kuwe kwaoko; nawe utyaphile ufike. Kaloku ngoko sikho thina sonke emehlweni kaThixo, ukuze sizive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo.
-
34
|Hechos 10:34|
Ke kaloku uPetros wawuvula umlomo wakhe wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu;
-
35
|Hechos 10:35|
kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.
-
36
|Hechos 10:36|
Ilizwi elo walithumelayo koonyana bakaSirayeli, eshumayela iindaba ezilungileyo zoxolo ngoYesu Kristu (nguye iNkosi yabo bonke),
-
37
|Hechos 10:37|
nina niyalazi ilizwi elenzekayo kulo lonke elakwaYuda, liqalela kwelaseGalili, emva kobhaptizo awaluvakalisayo uYohane:
-
38
|Hechos 10:38|
okokuba uThixo wamthambisa ngoMoya oyiNgcwele nangamandla uYesu waseNazarete, owagqiba ilizwe esiza, ephilisa bonke abaxinzelelweyo nguye uMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye.
-
39
|Hechos 10:39|
Thina singamangqina ezinto zonke awazenzayo ezweni lamaYuda, kwanaseYerusalem; abamsikayo ngokumxhoma emthini.
-
40
|Hechos 10:40|
Yena lowo uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wenza ukuba abonakale,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7