-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 28:1|
Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita.
-
2
|Hechos 28:2|
Amabharbhari ke lawo asenzela ububele obungahlali busihla; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda.
-
3
|Hechos 28:3|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe.
-
4
|Hechos 28:4|
Athe ke amabharbhari, akusibona isilo eso silengalenga esandleni sakhe, athetha odwa athi, Okwenene lo mntu ungumbulali; nakuba esindile elwandle, impindezelo ayivumi ukuba adle ubomi.
-
5
|Hechos 28:5|
Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko.
-
6
|Hechos 28:6|
Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakulinda futhi ke, bakubona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo.
-
7
|Hechos 28:7|
Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu.
-
8
|Hechos 28:8|
Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa.
-
9
|Hechos 28:9|
Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;
-
10
|Hechos 28:10|
bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7