-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 28:21|
Wona ke athi kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe.
-
22
|Hechos 28:22|
Singa ke singeva kuwe izinto ozicingayo; kuba okunene ngalo elo hlelo kuyazeka kuthi, ukuba lichasiwe ezindaweni zonke.
-
23
|Hechos 28:23|
Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela, ebaqononondisa kunene, ubukumkani bukaThixo; kananjalo ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, eqala kusasa ahlwise.
-
24
|Hechos 28:24|
Yaye inxenye iseyiseka ngaloo mazwi athethwa nguye, yaye inxenye ingakholwa.
-
25
|Hechos 28:25|
Bakuba ke bengavumelani, banduluka, akubonÂ’ ukuba uPawulos uthethe zwi-nye, wathi, Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu,
-
26
|Hechos 28:26|
esithi, Hamba uye kwaba bantu, uthi, Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe.
-
27
|Hechos 28:27|
Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba; Beva nzima ngeendlebe, Bewacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngeentliziyo, Bajike, ndibaphilise.
-
28
|Hechos 28:28|
Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona.
-
29
|Hechos 28:29|
Akuba etshilo, emka amaYuda, enembuzwano enkulu phakathi kwawo.
-
30
|Hechos 28:30|
Ke kaloku, uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7