-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 28:11|
Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele.
-
12
|Hechos 28:12|
Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu.
-
13
|Hechos 28:13|
Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubonÂ’ ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli;
-
14
|Hechos 28:14|
safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma.
-
15
|Hechos 28:15|
Bathi abazalwana, bakusiva, baphuma khona apho, beza kusihlangabeza, bada beza eApiyoforo, naseTritabherne; athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka.
-
16
|Hechos 28:16|
Ke kaloku, xeshikweni sifikileyo eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi; ke yena uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo.
-
17
|Hechos 28:17|
Kwathi ke, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wabizela ndawonye abaziintloko bamaYuda; abathe bakubonÂ’ ukuba ke babuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, mna ndithe, ndingenzanga nto ichasene nabantu namasiko akowethu, ndesuka eYerusalem ndingumbanjwa, ndanikelwa ezandleni zamaRoma.
-
18
|Hechos 28:18|
Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa ndinalo.
-
19
|Hechos 28:19|
Athe ke amaYuda akuphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare; kungengakuba ndibe ndinento yokulumangalela ngayo uhlanga lwakowethu.
-
20
|Hechos 28:20|
Ndinibongoze ke ngenxa yeso sizathu ukuba nize, ndinibone, ndithethe nani; kuba kungenxa yethemba lakwaSirayeli endinxitywe lo mxokelelwane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7