-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 14:1|
Kwathi ke eIkoniyo, bangena kunye endlwini yesikhungu yamaYuda, bathetha ngokokude kukholwe inkitha enkulu yamaYuda kwanamaGrike.
-
2
|Hechos 14:2|
Asuka ke wona amaYuda angavumiyo ukuva, ayenza yamibi imiphefumlo yabeentlanga ngakubo abazalwana.
-
3
|Hechos 14:3|
Balibala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo.
-
4
|Hechos 14:4|
Yahlulelana ke inkoliso yomzi; inxenye yangakumaYuda, inxenye yangakubapostile.
-
5
|Hechos 14:5|
Bathe ke, bakubonÂ’ ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye:
-
6
|Hechos 14:6|
bakuqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla;
-
7
|Hechos 14:7|
baye bezishumayela nalapho iindaba ezilungileyo.
-
8
|Hechos 14:8|
Kwakuhleli ke ndoda ithile eListra, ife iinyawo, isisiqhwala kwasesizalweni sonina, ingazanga ihambe.
-
9
|Hechos 14:9|
Yona leyo yayimva uPawulos ethetha; owathi, eqwalasele kuyo, ebona ukuba inokholo lokusindiswa,
-
10
|Hechos 14:10|
wathi ngezwi elikhulu, Suka, ume ngeenyawo zakho, uthi nkqo; yesuka umtsi, yahambahamba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7