-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 2:1|
Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye.
-
2
|Hechos 2:2|
Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo.
-
3
|Hechos 2:3|
Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye.
-
4
|Hechos 2:4|
Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.
-
5
|Hechos 2:5|
Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu.
-
6
|Hechos 2:6|
Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho.
-
7
|Hechos 2:7|
Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na?
-
8
|Hechos 2:8|
Kutheni na ke ukuba sibeve nje sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo?
-
9
|Hechos 2:9|
Thina maParti, namaMedi, namaElam, nathi simiyo kwelaseMesopotami, kwelakwaYuda kwanakwelaseKapadoki, kwelasePonto nakwelaseAsiya,
-
10
|Hechos 2:10|
kwelaseFrigi kwanakwelasePamfili, kwelaseYiputa, nasemacaleni elaseLibhi ngaseKirene, nathi bahambi baseRoma, singamaYuda kwanabangeni ebuYudeni,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7