-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 2:11|
thina maKrete nama-Arabhi, sibeva bona bezithetha ngezakomawethu iilwimi izinto ezinkulu zikaThixo.
-
12
|Hechos 2:12|
Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto?
-
13
|Hechos 2:13|
Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa.
-
14
|Hechos 2:14|
Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo: Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am.
-
15
|Hechos 2:15|
Aba abanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini.
-
16
|Hechos 2:16|
Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,
-
17
|Hechos 2:17|
Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo, Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama, Baprofete oonyana benu neentombi zenu, Athi amadodana enu abone imibono, Namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha;
-
18
|Hechos 2:18|
Ewe, ndaye, phezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihla Ndiya kumthulula uMoya wam, baprofete;
-
19
|Hechos 2:19|
Ndenze izimanga ezulwini phezulu, Nemiqondiso emhlabeni phantsi, Igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi.
-
20
|Hechos 2:20|
Ilanga liya kusuka libe mnyama, Ithi inyanga ibe ligazi; Phambi kokuba ize imini yeNkosi, Leyo inkulu ibalulekileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7