-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Hechos 2:31|
uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.
-
32
|Hechos 2:32|
UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke.
-
33
|Hechos 2:33|
Ephakanyisiwe ngoko sisandla sokunene sikaThixo, elamkele kanjalo idinga loMoya oyiNgcwele kuYise, uthulule oku nikubonayo, nikuvayo, kalokunje nina.
-
34
|Hechos 2:34|
Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam,
-
35
|Hechos 2:35|
Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.
-
36
|Hechos 2:36|
Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina.
-
37
|Hechos 2:37|
Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile, Madoda, bazalwana, sithini na?
-
38
|Hechos 2:38|
Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.
-
39
|Hechos 2:39|
Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza.
-
40
|Hechos 2:40|
Nangamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, evuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigoso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7