-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Hechos 2:41|
Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu.
-
42
|Hechos 2:42|
Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni.
-
43
|Hechos 2:43|
Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile.
-
44
|Hechos 2:44|
Bonke ke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke.
-
45
|Hechos 2:45|
Baye bethengisa nangemihlaba nangempahla yabo, babele bonke, njengoko ebethi ubani aswele ngako.
-
46
|Hechos 2:46|
Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo,
-
47
|Hechos 2:47|
bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza abasiNdiswayo imihla ngemihla kulo ibandla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7