-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 13:1|
Ke kaloku, kwaye kukho kwa-Antiyokwe, ebandleni ebelikhona, abaprofeti nabafundisi abathile, abangooBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, kwanoManayen owondliwa noHerode umphathi wesahlulo sesine, noSawule.
-
2
|Hechos 13:2|
BakubonÂ’ ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo.
-
3
|Hechos 13:3|
Bathe ke, bakuba bezile ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula.
-
4
|Hechos 13:4|
Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; kanjalo besuka apho ngomkhombe, baya eSipro.
-
5
|Hechos 13:5|
Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaYuda. Baye ke benoYohane, ebancedisa.
-
6
|Hechos 13:6|
Besigqibile ke isiqhithi ngokuhamba, bada bafika ePafo; bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu,
-
7
|Hechos 13:7|
owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; eyababizela kuyo ooBharnabhas noSawule, yangxamela ukuliva ilizwi likaThixo.
-
8
|Hechos 13:8|
Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elo elukholweni.
-
9
|Hechos 13:9|
Ke kaloku uSawule, okwanguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjonga,
-
10
|Hechos 13:10|
wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7