-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 13:21|
Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mane.
-
22
|Hechos 13:22|
Akumkhupha yena, wabavelisela uDavide, wangukumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam.
-
23
|Hechos 13:23|
Embewini yalowo, uthe uThixo ngokwedinga wavelisa uYesu, ukuba abe nguMsindisi kuSirayeli;
-
24
|Hechos 13:24|
kwakubonÂ’ ukuba uYohane uvakalise tanci, phambi kokungena kwakhe, ubhaptizo loguquko kubo bonke abantu bakwaSirayeli.
-
25
|Hechos 13:25|
Xa ke uYohane ebesekulufezeni uhambo lwakhe, ubesithi, Nithi nina ndingubani na? Andinguye. Yabonani, kuza emva kwam endingafanelekileyo ukuba ndizithukulule iimbadada ezinyaweni zakhe.
-
26
|Hechos 13:26|
Madoda, bazalwana, nyana bomlibo wakwa-Abraham, nabo phakathi kwenu bamoyikayo uThixo, ilizwi lolu lusindiso lathunyelwa kuni.
-
27
|Hechos 13:27|
Kuba abo bemiyo eYerusalem, nabaphathi babo, bengamazanga lowo, kwanamazwi abaprofeti aleswayo iisabatha ngeesabatha zonke, bawazalisa ngokumgweba;
-
28
|Hechos 13:28|
bathi, bengafumananga nalinye ityala lokufa, bacela kuPilato ukuba asikwe.
-
29
|Hechos 13:29|
Xa ke babezifezile zonke izinto ezibhaliweyo ngaye, bamthula emthini, bambeka engcwabeni.
-
30
|Hechos 13:30|
Uthe ke uThixo wamvusa kwabafileyo,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7