-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 10:11|
wabona izulu livulekile, kusihla phezu kwakhe sitya sithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe kumasondo omane, sithotyelwa emhlabeni;
-
12
|Hechos 10:12|
ekwaye kukho kuso zonke izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.
-
13
|Hechos 10:13|
Kwabakho izwi lisithi kuye, Vuka, Petros, xhela udle.
-
14
|Hechos 10:14|
Uthe ke uPetros, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle.
-
15
|Hechos 10:15|
Laphinda izwi okwesibini lathi kuye, Izinto uThixo azihlambululeyo, musa ukuzenza inqambi wena.
-
16
|Hechos 10:16|
Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini.
-
17
|Hechos 10:17|
Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza indlu kaSimon, emi esangweni;
-
18
|Hechos 10:18|
akhwaza, ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na.
-
19
|Hechos 10:19|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna;
-
20
|Hechos 10:20|
suka uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nento, ngokokuba athunywe ndim.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7