-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Hechos 16:31|
Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho.
-
32
|Hechos 16:32|
Balithetha kuye ilizwi leNkosi, nakubo bonke ababesendlwini yakhe.
-
33
|Hechos 16:33|
Wabathabatha ngelo lixa lobusuku, wayihlamba imivumbo yabo; wabhaptizwa yena kwalapho, nabo bonke abakhe.
-
34
|Hechos 16:34|
Kananjalo, ebanyuse wabasa endlwini yakhe, wabeka ukudla phambi kwabo, wagcoba nendlu yakhe yonke, kuba ekholwa kuThixo.
-
35
|Hechos 16:35|
Kwakusa, abathetheli bathuma amadindala, besithi, Bakhulule abo bantu.
-
36
|Hechos 16:36|
Uwaxelile ke umgcini wababanjwa la mazwi kuPawulos, wathi, Abathetheli bathumele ukuba nikhululwe; ke ngoko phumani, nihambe ngoxolo.
-
37
|Hechos 16:37|
Uthe ke uPawulos kuwo, Basityabule ekuhleni singagwetywanga, sibantu bangamaRoma; basiphosa entolongweni; ngoku basikhupha ngasese na? Nakanye; mabeze bona ngokwabo, basikhuphe.
-
38
|Hechos 16:38|
Awaxela ke la mazwi amadindala kubathetheli; boyika, bakuva ukuba bangamaRoma.
-
39
|Hechos 16:39|
Beza bababongoza, babakhupha, babacela ukuba baphume kuwo umzi.
-
40
|Hechos 16:40|
Bephumile ke entolongweni, baya kungena kwaLidiya; bathi, bebabonile abazalwana, babayala, bemka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7