-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 15:11|
Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.
-
12
|Hechos 15:12|
Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzayo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.
-
13
|Hechos 15:13|
Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.
-
14
|Hechos 15:14|
USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.
-
15
|Hechos 15:15|
Ayavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
-
16
|Hechos 15:16|
Emveni koku ndiya kubuya, Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo, Ndibuye ndiwumise;
-
17
|Hechos 15:17|
Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi, Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam; Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.
-
18
|Hechos 15:18|
Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.
-
19
|Hechos 15:19|
Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;
-
20
|Hechos 15:20|
kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3