-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 15:21|
Kuba uMoses kwakwizizukulwana zakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha.
-
22
|Hechos 15:22|
Kwaza kwabonakala kulungile kubapostile nakumadoda amakhulu, ndawonye nalo ibandla liphela, ukuba banyule amadoda kwakubo, bawathume kwa-Antiyokwe ndawonye noPawulos noBharnabhas; angooYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda angabakhokeli kubazalwana.
-
23
|Hechos 15:23|
Babhala incwadi ngesandla sawo, besithi: Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, abakwa-Antiyokwe nakwelaseSiriya nakwelaseKiliki.
-
24
|Hechos 15:24|
Ekubeni ke sivile ukuba abathile kuthi baphuma baya banikhathaza ngamazwi, beyikhukulisa imiphefumlo yenu, besithi, makwalukwe, kugcinwe umthetho, esingabayalelanga wona:
-
25
|Hechos 15:25|
kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda ukuba siwathume kuni, ndawonye neentanda zethu, uBharnabhas noPawulos,
-
26
|Hechos 15:26|
abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.
-
27
|Hechos 15:27|
Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.
-
28
|Hechos 15:28|
Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:
-
29
|Hechos 15:29|
zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.
-
30
|Hechos 15:30|
Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7