-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 25:21|
AkubonÂ’ ukuba ke uPawulos ubhenele ukuba agcinelwe isigwebo soMhlekazi, ndathi makagcinwe, ndide ndimthumele kuKesare.
-
22
|Hechos 25:22|
Wathi ke uAgripa kuFesto, Bendinga nam ndingakhe ndimve umntu lowo. Wathi ke yena, Uya kumva ngomso.
-
23
|Hechos 25:23|
Uthe ke akufika ngengomso uAgripa enoBhernike, benendili enkulu, bengene nasendaweni yokuphulaphulela amatyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngezwi likaFesto.
-
24
|Hechos 25:24|
Wathi uFesto, Agripa kumkani, nani nonke madoda akhoyo nathi, niyambona lo mntu, ethe yonke inkitha yamaYuda yasingisa kum ngaye, naseYerusalem nalapha, ibhomboloza kakhulu isithi, akasafanele kudla ubomi;
-
25
|Hechos 25:25|
mna ke ndithe ndakuqonda ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, akubonÂ’ ukuba naye ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye,
-
26
|Hechos 25:26|
endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzise phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubonÂ’ ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo;
-
27
|Hechos 25:27|
kuba kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7