-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 17:1|
Ke kaloku, bakuba beyihambile iAmfipoli neApoloni, beza eTesalonika, apho yayikhona indlu yesikhungu yamaYuda.
-
2
|Hechos 17:2|
Ngokwesiko ke likaPawulos wangena kuwo; waye iisabatha ezintathu exoxa nawo, ethabatha ezibhalweni,
-
3
|Hechos 17:3|
etyhila, ebeka phambi kwawo ukuba uKristu ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuthi, Nguye ke uKristu, lo Yesu ndinazisa yena mna.
-
4
|Hechos 17:4|
Inxenye kuwo yoyiseka, yazibandakanya noPawulos noSilas, kwanenkitha enkulu yamaGrike amhlonelayo uThixo; nakubafazi abaziintloko ababa mbalwa.
-
5
|Hechos 17:5|
Ke kaloku amaYuda angoyisekileyo, enomsindo, azithabathela amadoda athile angendawo, angamahilihili, enza ibubu, awuphithizelisa umzi, ayifikela nendlu kaYason, efuna ukubarholela eluntwini.
-
6
|Hechos 17:6|
Akuba engabafumananga ke, amrholela uYason nabazalwana abathile kubaphathi bomzi, ebhomboloza esithi, Aba baliqungaqungileyo elimiweyo, bona bafikile nalapha;
-
7
|Hechos 17:7|
athe uYason wabamkela ngobubele; baye bonke aba besenza okuchasene nemimiselo kaKesare, besithi, Kukho kumkani wumbi unguYesu.
-
8
|Hechos 17:8|
Asikhathaza ke isihlwele nabaphathi bomzi, bakuziva ezi zinto.
-
9
|Hechos 17:9|
Bethabathe isibambiso kuYason nakwabanye, babakhulula.
-
10
|Hechos 17:10|
Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7