-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 19:11|
Waye noThixo esenze ngezandla zikaPawulos imisebenzi yamandla engahlali isihla;
-
12
|Hechos 19:12|
ngokokude kusiwe nakwimilwelwe iiqhiya nemibhinqo, ivela emzimbeni wakhe, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo.
-
13
|Hechos 19:13|
Ke kaloku bathi abathile bakumaYuda abhadulayo, angabafungisi, bazamela ukulibiza igama leNkosi uYesu phezu kwabanoomoya abakhohlakeleyo, besithi, Sinifungisa uYesu lowo uvakaliswayo nguPawulos.
-
14
|Hechos 19:14|
Kwaye kukho ke nyana bathile basixhenxe bakaSkeva, umYuda, umbingeleli omkhulu, ababekwenza oko.
-
15
|Hechos 19:15|
Waphendula ke umoya okhohlakeleyo, wathi. UYesu ndiyamazi, noPawulos ndiyamazi kakuhle; ke nina ningoobani na?
-
16
|Hechos 19:16|
Wesuka umntu obukuye umoya okhohlakeleyo, wabatsibela, wabagagamela wabeyisa, ngokokude babaleke baphume kuloo ndlu bengxwelerhiwe, beze.
-
17
|Hechos 19:17|
Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; angenwa kukoyika onke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu.
-
18
|Hechos 19:18|
Yaye nento eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo.
-
19
|Hechos 19:19|
Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, bawayazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere.
-
20
|Hechos 19:20|
Lenjenjalo ke ilizwi leNkosi ukwanda ngamandla nokweyisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4